Uluka 7:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke apho kwakukho mphathi-butho uthile wamajoni osicaka sakhe asithandayo sasigulela ukufa.

3. Uthe ke akuva ngoYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaJuda, ecela ukuba eze kusiphilisa isicaka sakhe.

4. Akufika kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi: “Mncede lo mntu,

5. kuba uyaluthanda uhlanga lwethu; wada wasakhela *nendlu yesikhungo.”

6. UYesu wahamba nabo. Kwathi ke xa akufuphi nomzi lowo, umphathi-butho wathumela kuye ngezihlobo, esithi: “Nkosi ungàzikhathazi, kuba andifanelekanga ukuba ungade ungene endlwini yam.

7. Mna ngokwam andifanelanga ukuba ndize kuwe. Thetha nje ilizwi: sophila isicaka sam.

Uluka 7