Uluka 7:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba uYesu egqibile ukuwathetha la mazwi ephulaphulwe ngabantu, waya kungena eKapernahum.

2. Ke apho kwakukho mphathi-butho uthile wamajoni osicaka sakhe asithandayo sasigulela ukufa.

3. Uthe ke akuva ngoYesu, wathumela kuye amadoda amakhulu amaJuda, ecela ukuba eze kusiphilisa isicaka sakhe.

4. Akufika kuYesu, ambongoza enyamekile, esithi: “Mncede lo mntu,

5. kuba uyaluthanda uhlanga lwethu; wada wasakhela *nendlu yesikhungo.”

6. UYesu wahamba nabo. Kwathi ke xa akufuphi nomzi lowo, umphathi-butho wathumela kuye ngezihlobo, esithi: “Nkosi ungàzikhathazi, kuba andifanelekanga ukuba ungade ungene endlwini yam.

7. Mna ngokwam andifanelanga ukuba ndize kuwe. Thetha nje ilizwi: sophila isicaka sam.

8. Nam ndingumntu obekwe phantsi kwegunya, kwaye ndinamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”

9. Ezivile uYesu ezi zinto, wamangaliswa, wajika wathi kwindimbane eyayimlandela: “Ndithi kuni, nkqu nakwaSirayeli andifumananga lukholo lungaka.”

10. Kwathi ke bakubuyela endlwini abo babethunyiwe, basifumana isicaka siphilile.

11. Emva koko uYesu waya edolophini ekuthiwa yiNayin, ekunye neqela labafundi bakhe, nendimbane enkulu.

12. Ke kaloku, akusondela esangweni ledolophu leyo, nako kuthwalelwa phandle umntu ofileyo. Umfi lowo wayekuphela konyana womhlolokazi. Loo mhlolokazi wayephelekwe yindimbane enkulu yasedolophini apho.

13. Ithe ke iNkosi, yakumbona, yavelana naye, yathi kuye: “Sukulila.”

14. Yasondela iNkosi, yawachukumisa amanqwanqwa ababemthwele ngawo umfi, baza bema ababemthwele. Yathi: “Mfanandini, vuka!”

Uluka 7