Uluka 6:2-10 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke abathile *bakubaFarasi bathi kubo: “Kungani na ukuba nenze okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla?”

3. Waphendula uYesu wathi: “Anizange nikufunde na oko wakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe?

4. Kaloku wangena *endlwini kaThixo, wazithatha wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo, wanika neqela lakhe. Kanti ke ngokomthetho ezo zonka azimelwe kutyiwa ngabangengobabingeleli.”

5. Waza ke wathi kubo: “UNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla woPhumlo.”

6. Ngomnye *uMhla woPhumlo uYesu wangena endlwini yesikhungo wafundisa. Apho kwakukho umntu owome isandla sokunene.

7. Babemlalele abachazi-mthetho *nabaFarasi, befuna ukubona ukuba wophilisa na ngoMhla woPhumlo, khon' ukuze bafumane isizathu sokummangalela.

8. UYesu ke wayezazi iingcamango zabo, waza wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” Waphakama ke, wema apho.

9. Waza wathi uYesu: “Ndixeleleni: okuvumelekileyo ngoMhla wokuPhumla kukwenza okulungileyo, okanye kukwenza okubi; kukuphilisa umntu, okanye kukubulala, kusini na?”

10. Akuba ebasingasingile bonke, wathi kuloo mntu: “Solule isandla sakho.” Wenjenjalo ke, saza saphila isandla sakhe.

Uluka 6