Uluka 5:27-34 Ibhayibhile (XHO96)

27. Emva koko uYesu waphuma, waza wabona umqokeleli-rhafu, ogama linguLevi, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.”

28. Washiya konke ke, wamlandela.

29. ULevi ke wamenzela isidlo esikhulu uYesu endlwini yakhe. Kweso sidlo kwakukho iqela elikhulu labaqokeleli-rhafu nabanye abantu.

30. Ke *abaFarasi nabachazi-mthetho babebakrokrela abafundi bakaYesu, besithi: “Yini na ukuba nitye nisele kunye nabaqokeleli-rhafu *naboni?”

31. Wabaphendula uYesu esithi: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo.

32. Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.”

33. Ke kaloku abantu abathile bathi kuYesu: “Kutheni na ukuba abafundi bakaYohane *nababaFarasi basoloko bezila ukutya, bethandaza, kanti bona abakho bayatya basele?”

34. UYesu ke wathi kubo: “Ngaba abakhaphi bomyeni ninokubazilisa na ukutya umyeni esenabo?

Uluka 5