8. UYesu wamphendula wathi: “IziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’”
9. Umtyholi ke waya noYesu eJerusalem, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya;
10. kuba iziBhalo zithi: ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, ukuze zikugcine.’
11. Kananjalo kuthiwa: ‘Ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”
12. Waphendula uYesu wathi kuye: “IziBhalo zithi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”
13. Akupheza umtyholi ukulinga uYesu, wemka okwexeshana.
14. UYesu ke, esemandleni kaMoya oyiNgcwele, wabuyela kwelaseGalili, lwaza udumo lwakhe lwavakala kuwo wonke loo mmandla.