Uluka 4:28-31 Ibhayibhile (XHO96)

28. Bakuziva ezi zinto bacaphuka bonke ababesendlwini yesikhungo,

29. besuka bamkhupha edolophini uYesu, bamsa phezu kweliwa eyayakhelwe phezu kwalo idolophu yabo, ukuze bamphose ezantsi.

30. Kodwa yena wacanda phakathi kwabo, wemka.

31. Wehla ke uYesu waya eKapernahum, idolophu yelaseGalili, wathi khona apho *ngoMhla woPhumlo wafundisa abantu.

Uluka 4