15. Wayefundisa *ezindlwini zesikhungo, enconywa ngabo bonke.
16. UYesu ke waya kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiqhelo sakhe wangena *endlwini yesikhungo *ngoMhla wokuPhumla. Waphakama ke ukuba afunde;
17. waza wanikwa incwadi *yomshumayeli uIsaya, watyhila le ndawo ithi:
18. “UMoya weNkosi undongamele,ngoko ke indithambisile;indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo,
19. ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.”