Uluka 4:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. Wayefundisa *ezindlwini zesikhungo, enconywa ngabo bonke.

16. UYesu ke waya kufika eNazarete, apho wayekhulele khona, wathi ngokwesiqhelo sakhe wangena *endlwini yesikhungo *ngoMhla wokuPhumla. Waphakama ke ukuba afunde;

17. waza wanikwa incwadi *yomshumayeli uIsaya, watyhila le ndawo ithi:

18. “UMoya weNkosi undongamele,ngoko ke indithambisile;indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo,

19. ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.”

Uluka 4