Uluka 3:21-28 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe, kwathi ethandaza, lavuleka izulu,

22. wehlela phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele enembonakalo yehobe. Kwavakala nezwi livela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe!”

23. Ukuqala kwakhe ukufundisa uYesu wayemalunga neminyaka emashumi mathathu ezelwe. Kwakusithiwa ungunyana kaJosefu, kaEli,

24. kaMatati, kaLevi, kaMeleki, kaJana, kaJosefu,

25. kaMatatiya, ka-Amos, kaNahum, kaHesli, kaNagayi,

26. kaMathi, kaMatatiya, kaShimeyi, kaYoseki, kaJoda,

27. kaYohanan, kaResha, kaZerubhabheli, kaShalatiyeli, kaNeri,

28. kaMeleki, ka-Adi, kaKosam, kaElmadam, kaEre,

Uluka 3