10. Izihlwele zazimbuza zisithi: “Masithini ke ngoko?”
11. Waphendula wathi kuzo: “Lowo uneengubo ezimbini makanike ongenáyo. Nalowo unokutya makenjenjalo.”
12. Abaqokeleli-rhafu beza kubhaptizwa, bathi kuye: “Mfundisi, masithini na?”
13. Wathi kubo: “Ningabizi ngaphezu kwenikumiselweyo.”
14. Namajoni ayebuza kuye esithi: “Masithini thina?”Wathi kuwo: “Ningaphangi mntu ngogonyamelo okanye ngobuxoki. Yanelani yimivuzo yenu.”
15. Ke kaloku lavuseleleka ithemba ebantwini, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba akangebi nguye na uKrestu.
16. UYohane ke wabaphendula esithi: “Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa uyeza onamandla kunam. Andikufanelanga ukukhulula nemitya le yezihlangu zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo.