Uluka 24:8-17 Ibhayibhile (XHO96)

8. Bawakhumbula ke amazwi akhe.

9. Bebuyile engcwabeni abafazi abo bazixela zonke ezo zinto kubafundi abalishumi elinanye nakubo bonke abanye.

10. YayinguMariya waseMagadala, noYohana, noMariya unina kaYakobi, nabanye abafazi ababenabo, abazixeláyo ezi zinto *kubathunywa.

11. Kubafundi oku kuthethwa ngaba bafazi kwaba ngathi kukulavuza, baza abakholwa. [

12. Kodwa yena uPetros usuke wabaleka, waya engcwabeni, wathi akukhangela, wabona ingubo yelinen iyodwa, waza wagoduka emangalisiwe koko kwenzekileyo.]

13. Kwangaloo mini kwasuka abafundi ababini baya e-Emawusi, idolophana emalunga neekhilomitha ezilishumi elinambini ukusuka eJerusalem.

14. Babethetha ngako konke okwakuthe kwenzeka.

15. Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo,

16. kodwa bembona nje, kwasitheliswa kubo ukuba bamnakane.

17. UYesu ke wathi kubo: “Zizinto zini na ezi nihamba nincokola ngazo?”Bema ke bematshekile;

Uluka 24