Uluka 24:49-53 Ibhayibhile (XHO96)

49. Niyabona, mna ndilinika nina idinga likaBawo. Ze nihlale ke eJerusalem nide nixhotyiswe ngamandla avela phezulu.”

50. UYesu ke waphuma nabafundi bakhe, wabasa ngaseBhetani; waza waphakamisa izandla zakhe, wabasikelela.

51. Kwathi esabasikelela, wahlukana nabo, [wanyuswa wasiwa ezulwini].

52. Ke bona [bakuba bequbudile,] babuyela eJerusalem benovuyo olukhulu;

53. baza basoloko bekho *endlwini kaThixo, bembonga uThixo.

Uluka 24