Uluka 24:39-49 Ibhayibhile (XHO96)

39. Khangelani izandla zam, niqonde ukuba ndim kanye. Ndiphatheni niqondisise ukuba ndingumntu, ndinenyama namathambo, njengoko nindibona ndinjalo.” [

40. Etshilo wababonisa izandla neenyawo zakhe.]

41. Ke kaloku, bâthi bengekakholwa, bemangalisiwe bevuya, wathi kubo: “Ninanto ityiwayo na apha?”

42. Bamnika intwana yentlanzi eyojiweyo,

43. wayithatha, wayitya bejongile.

44. UYesu ke wathi kubo: “Zizo ezi izinto endazithethayo kuni ndisenani, ndisithi zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam *emthethweni kaMosis, nasezincwadini *zabashumayeli, nasezindumisweni.”

45. Waza ke wazikhanyisela iingqondo zabo, ukuze baziqonde *iziBhalo;

46. wathi kubo: “Kubhalwe kwathiwa *uKrestu umelwe kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu.

47. Kukwabhalwe kusithiwa zothi egameni lakhe zivakaliswe kuzo zonke iintlanga iindaba zenguquko noxolelo lwezono, kuqalelwa eJerusalem.

48. Nina ke ningamangqina ezi zinto.

49. Niyabona, mna ndilinika nina idinga likaBawo. Ze nihlale ke eJerusalem nide nixhotyiswe ngamandla avela phezulu.”

Uluka 24