Uluka 24:34-53 Ibhayibhile (XHO96)

34. besithi: “Inene, iNkosi ivukile! Ibonakele kuSimon.”

35. Bakubalisa ke okwenzeke endleleni, nokutyhileka kweNkosi kubo xa yayiqhekeza isonka.

36. Ke kaloku, besazithetha ezi zinto, uYesu ngenkqu wema phakathi kwabo, [wathi kubo: “Uxolo malube nani.”]

37. Basuka bankwantya, baba babona into engengomntu ncam.

38. Wathi kubo: “Yini na ukuba nothuke? Kutheni na ukuba nibe nentandabuzo?

39. Khangelani izandla zam, niqonde ukuba ndim kanye. Ndiphatheni niqondisise ukuba ndingumntu, ndinenyama namathambo, njengoko nindibona ndinjalo.” [

40. Etshilo wababonisa izandla neenyawo zakhe.]

41. Ke kaloku, bâthi bengekakholwa, bemangalisiwe bevuya, wathi kubo: “Ninanto ityiwayo na apha?”

42. Bamnika intwana yentlanzi eyojiweyo,

43. wayithatha, wayitya bejongile.

44. UYesu ke wathi kubo: “Zizo ezi izinto endazithethayo kuni ndisenani, ndisithi zimelwe kukuzaliseka zonke izinto ezibhaliweyo ngam *emthethweni kaMosis, nasezincwadini *zabashumayeli, nasezindumisweni.”

45. Waza ke wazikhanyisela iingqondo zabo, ukuze baziqonde *iziBhalo;

46. wathi kubo: “Kubhalwe kwathiwa *uKrestu umelwe kukuthi eve ubunzima, abuye avuke kwabafileyo ngomhla wesithathu.

47. Kukwabhalwe kusithiwa zothi egameni lakhe zivakaliswe kuzo zonke iintlanga iindaba zenguquko noxolelo lwezono, kuqalelwa eJerusalem.

48. Nina ke ningamangqina ezi zinto.

49. Niyabona, mna ndilinika nina idinga likaBawo. Ze nihlale ke eJerusalem nide nixhotyiswe ngamandla avela phezulu.”

50. UYesu ke waphuma nabafundi bakhe, wabasa ngaseBhetani; waza waphakamisa izandla zakhe, wabasikelela.

51. Kwathi esabasikelela, wahlukana nabo, [wanyuswa wasiwa ezulwini].

52. Ke bona [bakuba bequbudile,] babuyela eJerusalem benovuyo olukhulu;

53. baza basoloko bekho *endlwini kaThixo, bembonga uThixo.

Uluka 24