Uluka 24:31-38 Ibhayibhile (XHO96)

31. Aqabuka amehlo abo, bamazi. Wathi shwaka yena kubo.

32. Baza bathi omnye komnye: “Iintliziyo zethu bezingavuthi na luvuyo xa ebethetha nathi endleleni esityhilela iziBhalo?”

33. Besuka kwangelo lixa, babuyela eJerusalem, babafumana abafundi abalishumi elinanye behlanganisene ndawonye kunye nâbo babenabo,

34. besithi: “Inene, iNkosi ivukile! Ibonakele kuSimon.”

35. Bakubalisa ke okwenzeke endleleni, nokutyhileka kweNkosi kubo xa yayiqhekeza isonka.

36. Ke kaloku, besazithetha ezi zinto, uYesu ngenkqu wema phakathi kwabo, [wathi kubo: “Uxolo malube nani.”]

37. Basuka bankwantya, baba babona into engengomntu ncam.

38. Wathi kubo: “Yini na ukuba nothuke? Kutheni na ukuba nibe nentandabuzo?

Uluka 24