Uluka 24:24-39 Ibhayibhile (XHO96)

24. Basuka nabanye bethu, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi. Ke yena abambonanga.”

25. Waza uYesu wathi kubo: “Ninje na kanti ukungaqondi! Nithatha kade kangaka na ukukholwa kuko konke abâkuthetháyo *abashumayeli!

26. *UKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze anyuselwe ewongeni?”

27. Wabachazela kuzo zonke *iziBhalo iindawo ezithetha ngaye, eqalela kwiincwadi zikaMosis, waya kutsho kuzo zonke ezabashumayeli bamandulo.

28. Basondela ke kuloo dolophana babesiya kuyo, wanga uYesu uyagqitha;

29. baza bona bamcela besithi: “Hlala nathi, kuba kuyahlwa, nemini seyimkile.” Wangena ke ukuba ahlale nabo.

30. Wathi, esetafileni kunye nabo, wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika.

31. Aqabuka amehlo abo, bamazi. Wathi shwaka yena kubo.

32. Baza bathi omnye komnye: “Iintliziyo zethu bezingavuthi na luvuyo xa ebethetha nathi endleleni esityhilela iziBhalo?”

33. Besuka kwangelo lixa, babuyela eJerusalem, babafumana abafundi abalishumi elinanye behlanganisene ndawonye kunye nâbo babenabo,

34. besithi: “Inene, iNkosi ivukile! Ibonakele kuSimon.”

35. Bakubalisa ke okwenzeke endleleni, nokutyhileka kweNkosi kubo xa yayiqhekeza isonka.

36. Ke kaloku, besazithetha ezi zinto, uYesu ngenkqu wema phakathi kwabo, [wathi kubo: “Uxolo malube nani.”]

37. Basuka bankwantya, baba babona into engengomntu ncam.

38. Wathi kubo: “Yini na ukuba nothuke? Kutheni na ukuba nibe nentandabuzo?

39. Khangelani izandla zam, niqonde ukuba ndim kanye. Ndiphatheni niqondisise ukuba ndingumntu, ndinenyama namathambo, njengoko nindibona ndinjalo.” [

Uluka 24