10. YayinguMariya waseMagadala, noYohana, noMariya unina kaYakobi, nabanye abafazi ababenabo, abazixeláyo ezi zinto *kubathunywa.
11. Kubafundi oku kuthethwa ngaba bafazi kwaba ngathi kukulavuza, baza abakholwa. [
12. Kodwa yena uPetros usuke wabaleka, waya engcwabeni, wathi akukhangela, wabona ingubo yelinen iyodwa, waza wagoduka emangalisiwe koko kwenzekileyo.]
13. Kwangaloo mini kwasuka abafundi ababini baya e-Emawusi, idolophana emalunga neekhilomitha ezilishumi elinambini ukusuka eJerusalem.
14. Babethetha ngako konke okwakuthe kwenzeka.
15. Kwathi besathetha bebuzana, uYesu ngenkqu wasondela wahamba nabo,
16. kodwa bembona nje, kwasitheliswa kubo ukuba bamnakane.
17. UYesu ke wathi kubo: “Zizinto zini na ezi nihamba nincokola ngazo?”Bema ke bematshekile;
18. waza waphendula omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye: “Nguwe kuphela na kwababekho eJerusalem ongazaziyo izinto ezenzeke khona kwezi ntsuku?”
19. Wathi kubo: “Zinto zini na?”Bathi bona kuye: “Ezo zingoYesu waseNazarete, *owayengumshumayeli onamandla amakhulu ekwenzeni imiqondiso nasekuthetheni, engqinelwa nguThixo nangabo bonke abantu.
20. Ababingeleli abaziintloko nabaphathi bethu bamnikela ukuba agwetyelwe ukufa, waza wabethelelwa emnqamlezweni.
21. Ke thina besithembe ukuba nguye owokhulula uSirayeli. Kunjalo nje namhlanje lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto.
22. Kanti abafazi abathile beqela lethu, abathe baya engcwabeni kwakusasa, basothusile,
23. kuba bengawufumani umzimba wakhe, babuye besithi babone umbono wezithunywa ezithi uyaphila.
24. Basuka nabanye bethu, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi. Ke yena abambonanga.”
25. Waza uYesu wathi kubo: “Ninje na kanti ukungaqondi! Nithatha kade kangaka na ukukholwa kuko konke abâkuthetháyo *abashumayeli!
26. *UKrestu ebengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze anyuselwe ewongeni?”
27. Wabachazela kuzo zonke *iziBhalo iindawo ezithetha ngaye, eqalela kwiincwadi zikaMosis, waya kutsho kuzo zonke ezabashumayeli bamandulo.