Uluka 24:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwakusekusasa ngeCawe ukunduluka kwâbo bafazi besiya engcwabeni, bephethe iziqholo ababezilungisile.

2. Balifumana ilitye liqengqiwe, lisusiwe engcwabeni.

3. Bakuba bengenile, abawufumananga umzimba weNkosi uYesu.

4. Kwathi, besakhohliwe yile nto, kwathi gqi amadoda amabini ngakubo, enezambatho ezibengezelayo.

5. Basuka boyika abafazi, baqondela phantsi, aza athi loo madoda: “Yini na ukuba ophilayo nimfune kwabafileyo? [

6. Akakho apha, uvukile.] Khumbulani awakuthetha kuni esekwelaseGalili,

7. esithi: ‘*UNyana woLuntu umelwe kukunikelwa ezandleni zaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.’ ”

8. Bawakhumbula ke amazwi akhe.

9. Bebuyile engcwabeni abafazi abo bazixela zonke ezo zinto kubafundi abalishumi elinanye nakubo bonke abanye.

10. YayinguMariya waseMagadala, noYohana, noMariya unina kaYakobi, nabanye abafazi ababenabo, abazixeláyo ezi zinto *kubathunywa.

11. Kubafundi oku kuthethwa ngaba bafazi kwaba ngathi kukulavuza, baza abakholwa. [

12. Kodwa yena uPetros usuke wabaleka, waya engcwabeni, wathi akukhangela, wabona ingubo yelinen iyodwa, waza wagoduka emangalisiwe koko kwenzekileyo.]

13. Kwangaloo mini kwasuka abafundi ababini baya e-Emawusi, idolophana emalunga neekhilomitha ezilishumi elinambini ukusuka eJerusalem.

14. Babethetha ngako konke okwakuthe kwenzeka.

Uluka 24