Uluka 23:47-56 Ibhayibhile (XHO96)

47. Ke umphathi-butho wamajoni, akukubona okuhlileyo, wamncoma uThixo, esithi: “Inene, lo mntu ebelilungisa.”

48. Sakuba isihlwele esasihlangene kuloo mbono sikubonile okwenzekileyo, sagoduka sibambelele ezidleleni.

49. Ke bonke abazana noYesu, kwanabafazi ababemlandela bevela kwelaseGalili, babemele kude, bezikhangele ezi zinto.

50. Ke kwakukho indoda egama linguJosefu, eyayililungu leBhunga, iyindoda elungileyo elilungisa.

51. Yona yayingavumelananga necebo labo kwanesenzo sabo. Le ndoda yaseArimati, idolophu yamaJuda, yayilulindele ulawulo lukaThixo.

52. Yona ke yaya kuPilato, yawucela umzimba kaYesu;

53. yaza yawuthula, yawusongela ngengubo yelinen, yawubeka engcwabeni elixholwe eliweni, ebekungekangcwatywa bani kulo.

54. KwakungoLwesihlanu, *uMhla wokuPhumla sewusondela.

55. Abo bafazi bàbelandela uYesu, bephuma eGalili, bâlandela uJosefu, balibona ingcwaba nomzimba kaYesu ubekwa kulo;

56. baza babuya, balungisa iziqholo nezithambiso.Baphumla ke ngoMhla wokuPhumla ngokomthetho.

Uluka 23