14. wathi kubo: “Nizise lo mntu kum nisithi udungadunga abantu. Ke ndimncinile phambi kwenu, ndaza andafumana tyala kuye kwezo zinto nimmangalela ngazo.
15. NoHerode akafumananga tyala kuye, kuba naku embuyisela kum. Niyabona, akukho nto ayenzileyo ingabangela ukuba afe.
16. Ndothi ke ngoko ndimbethe, ndimkhulule.”[
17. Ke kaloku ngetheko *lePasika wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye.]
18. Bankqangaza ke bonke besithi: “Mbulale lo, usikhululele uBharabha!”
19. UBharabha lo wayephoswe entolongweni ngenxa yesiphithi-phithi esithile esabakho esixekweni apho, kwanangokubulala.
20. Waphinda ngoko uPilato wathetha nabo, efuna ukumkhulula uYesu.
21. Kodwa bona bankqangaza besithi: “Mbethelele! Mbethelele emnqamlezweni!”
22. UPilato wathi kubo okwesithathu: “Ngoba enze bubi buni na? Andifumani tyala lingabangela ukuba afe. Ndothi ngoko ndimbethe, ndimkhulule.”
23. Bamxina ke uPilato, bekhwaza ngamandla, becela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni. Kwema ngabo ke.
24. Wasuka uPilato wagweba ngelithi masenziwe isicelo sabo.