Uluka 22:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Baza bathi kuye: “Ufuna ukuba siyilungiselele phi na?”

10. Wathi kubo: “Khangelani, nakungena esixekweni, nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Ze nimlandele, niye kuloo ndlu angena kuyo;

11. nize nithi kumnini-mzi: ‘Úthi uMfundisi: Liphi na igumbi leendwendwe apho ndingayidlela khona iPasika nabafundi bam?’

12. Yena wonibonisa igumbi elikhulu eliphezulu, elinempahla yalo. Lungisani apho ke.”

13. Bemka, bafika kunjengoko ebetshilo kubo, baza bayilungiselela iPasika.

14. Lakufika ixesha, uYesu uye kuhlala etafileni enabathunywa bakhe;

15. waza wathi kubo: “Bendilangazelela kakhulu ukuyitya kunye nani le Pasika, ndingekabuva ubunzima.

16. Inene, andiyi kuba sayidla konke, de ibe izalisekile kulawulo olutsha lukaThixo.”

17. UYesu ke wathatha indebe, wabulela, waza wathi: “Yithatheni, nabelane ngayo.

18. Inene, andisayi kusela kwincindi yomdiliya lude luthwase ulawulo olutsha lukaThixo.”

19. Wathatha isonka ke, wabulela, wasiqhekeza, wabanika esithi: “Ngumzimba wam lo [onikelwa ngenxa yenu. Oku kwenzeleni ukundikhumbula.”

20. Bakugqiba ukutya wayithatha kwangokunjalo nendebe, wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa kukuphalala kwegazi lam.]

21. “Kodwa, niyabona, lowo undingcatshayo ukunye nam apha etafileni.

Uluka 22