Uluka 22:57-71 Ibhayibhile (XHO96)

57. Wakhanyela ke yena esithi: “Ntokazindini, andimazi loo mntu!”

58. Kwakuba mzuzwana, wabonwa ngomnye owathi: “Nawe ungowabo.”Waza wathi uPetros: “He mfondini, andinguye!”

59. Malunga neyure emva koko omnye watsho eqinisekile wathi: “Inene, nalo ikwanguwabo, kuba ukwangowaseGalili.”

60. Wathi uPetros: “Mfondini, andazani tu nale nto uyithethayo!”Kwathi kwangoko, esathetha, yakhala inkuku.

61. Yajika iNkosi, yakhangela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi elithi: “Namhlanje ingekakhali inkuku, wondikhanyela kathathu.”

62. Waphuma phandle uPetros, watsho esikrakra.

63. Amadoda awayembambile uYesu, ayemenza intlekisa, emntlitha,

64. emgquma amehlo ambuze esithi: “Xela okubethileyo!”

65. Babethetha nezinye izinto ezininzi bemnyelisa.

66. Kwakusa yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu, nababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, uYesu bamsa entlanganisweni *yeBhunga labo,

67. bathi: “Ukuba wena unguye *uKrestu sixelele.”Wathi yena kubo: “Ukuba ndithe ndanixelela aniyi kukholwa.

68. Nokuba ke ndithe ndanibuza aniyi kundiphendula.

69. Ukususela ngoku *uNyana woLuntu uya kuhlala ewongeni kwaThixo uSomandla.”

70. Bathi bona: “Ùnguye na uNyana kaThixo?”Wathi kubo: “Kutsho nina ngokwenu.”

71. Bathi ke bona: “Sisabufunelani na obunye ubungqina? Kaloku sizivele ngokwethu amazwi akhe.”

Uluka 22