Uluka 22:53-70 Ibhayibhile (XHO96)

53. Bendinani imihla ngemihla endlwini kaThixo, anandibamba. Eli lithuba lenu, kuba kulawula igunya lobumnyama ngoku.”

54. Bembambile uYesu, bamqhuba bamsa endlwini yombingeleli omkhulu. UPetros wayelandela ekude.

55. Kwakubaswe umlilo eyadini, kusothiwa, noPetros ke waya kotha kunye nabo.

56. Isicakazana esithile simbonile uPetros ehleli ngasemlilweni, samqwalasela, sathi: “Naló ebekunye naye!”

57. Wakhanyela ke yena esithi: “Ntokazindini, andimazi loo mntu!”

58. Kwakuba mzuzwana, wabonwa ngomnye owathi: “Nawe ungowabo.”Waza wathi uPetros: “He mfondini, andinguye!”

59. Malunga neyure emva koko omnye watsho eqinisekile wathi: “Inene, nalo ikwanguwabo, kuba ukwangowaseGalili.”

60. Wathi uPetros: “Mfondini, andazani tu nale nto uyithethayo!”Kwathi kwangoko, esathetha, yakhala inkuku.

61. Yajika iNkosi, yakhangela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi elithi: “Namhlanje ingekakhali inkuku, wondikhanyela kathathu.”

62. Waphuma phandle uPetros, watsho esikrakra.

63. Amadoda awayembambile uYesu, ayemenza intlekisa, emntlitha,

64. emgquma amehlo ambuze esithi: “Xela okubethileyo!”

65. Babethetha nezinye izinto ezininzi bemnyelisa.

66. Kwakusa yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu, nababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, uYesu bamsa entlanganisweni *yeBhunga labo,

67. bathi: “Ukuba wena unguye *uKrestu sixelele.”Wathi yena kubo: “Ukuba ndithe ndanixelela aniyi kukholwa.

68. Nokuba ke ndithe ndanibuza aniyi kundiphendula.

69. Ukususela ngoku *uNyana woLuntu uya kuhlala ewongeni kwaThixo uSomandla.”

70. Bathi bona: “Ùnguye na uNyana kaThixo?”Wathi kubo: “Kutsho nina ngokwenu.”

Uluka 22