Uluka 22:39-58 Ibhayibhile (XHO96)

39. UYesu waphuma waza ngokwesiqhelo sakhe waya eNtabeni yemiNquma. Bamlandela ke abafundi bakhe.

40. Akufika apho, uYesu wathi kubo: “Thandazani ukuze ningangeni ekulingweni.”

41. Wasuka kubo, wathi qelele, waguqa ngamadolo, wathandaza

42. esithi: “Bawo, ukuba uyavuma, yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe okwenzekayo.” [

43. Ke kwabonakala isithunywa kuye, sivela ezulwini, simomeleza.

44. Edandathekile kakhulu uYesu, kwaba kukhona athandaza ngenyameko, kwada ukubila kwakhe kwangathi ngamathontsi egazi esiwa emhlabeni.]

45. UYesu ke waphakama ekuthandazeni, waya kubafundi bakhe, wafika belele, bedakumbile;

46. waza wathi kubo: “Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.”

47. UYesu esathandaza, kwathi gqi indimbane, ikhokelwa nguJudas, ongomnye wabafundi abalishumi elinambini. Yena wasondela kuYesu ukuba amange.

48. Waza uYesu wathi kuye: “Judas, umngcatsha ngokumanga na *uNyana woLuntu?”

49. Abo babemngqongile uYesu, bakukubona okuza kwenzeka, bathi kuye: “Nkosi, sibaxabele na ngekrele?”

50. Omnye kubo waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe yokunene.

51. Waza ke uYesu wathi: “Yekani; kwanele!” Wayichukumisa indlebe yesicaka eso, yaphila.

52. Ke uYesu wathi kumadoda amakhulu nababingeleli abaziintloko, nabagcini *bendlu kaThixo, ababeze kumbamba: “Nindiphathele amakrele neentonga, ngathi nize esihangeni?

53. Bendinani imihla ngemihla endlwini kaThixo, anandibamba. Eli lithuba lenu, kuba kulawula igunya lobumnyama ngoku.”

54. Bembambile uYesu, bamqhuba bamsa endlwini yombingeleli omkhulu. UPetros wayelandela ekude.

55. Kwakubaswe umlilo eyadini, kusothiwa, noPetros ke waya kotha kunye nabo.

56. Isicakazana esithile simbonile uPetros ehleli ngasemlilweni, samqwalasela, sathi: “Naló ebekunye naye!”

57. Wakhanyela ke yena esithi: “Ntokazindini, andimazi loo mntu!”

58. Kwakuba mzuzwana, wabonwa ngomnye owathi: “Nawe ungowabo.”Waza wathi uPetros: “He mfondini, andinguye!”

Uluka 22