Uluka 22:38-46 Ibhayibhile (XHO96)

38. Ke bona bathi: “Nkosi, nanga amakrele amabini.”Waza wathi kubo: “Kwanele.”

39. UYesu waphuma waza ngokwesiqhelo sakhe waya eNtabeni yemiNquma. Bamlandela ke abafundi bakhe.

40. Akufika apho, uYesu wathi kubo: “Thandazani ukuze ningangeni ekulingweni.”

41. Wasuka kubo, wathi qelele, waguqa ngamadolo, wathandaza

42. esithi: “Bawo, ukuba uyavuma, yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe okwenzekayo.” [

43. Ke kwabonakala isithunywa kuye, sivela ezulwini, simomeleza.

44. Edandathekile kakhulu uYesu, kwaba kukhona athandaza ngenyameko, kwada ukubila kwakhe kwangathi ngamathontsi egazi esiwa emhlabeni.]

45. UYesu ke waphakama ekuthandazeni, waya kubafundi bakhe, wafika belele, bedakumbile;

46. waza wathi kubo: “Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.”

Uluka 22