Uluka 22:32-43 Ibhayibhile (XHO96)

32. kodwa mna ndikuthandazele ukuba ukholo lwakho lungapheli. Nawe ke, xa uthe waguquka, uze uwomeleze amakholwa.”

33. UPetros ke wathi kuye: “Nkosi, ndixolèlè nokuya kunye nawe entolongweni nokuba kusekufeni.”

34. UYesu wathi: “Inene, Petros, kothi namhlanje ingekakhali inkuku, ube wena sewukhanyele kathathu ukuba uyandazi.”

35. Ke uYesu wathi kubo: “Ngôkúyâ ndandinithume ningenasipaji, nangxowa yamphako, nazihlangu, nakha naswela nto na?”Bathi ke bona: “Nento le.”

36. Waza wathi kubo: “Ke ngoku lowo unesipaji makasithathe, enjenjalo nonengxowa yomphako, aze nalowo ungenakrele athengise ingubo yakhe alithenge.

37. Inene, kuya kwenzeka kum oko kubhaliweyo *eziBhalweni kwathiwa: ‘Wabalelwa kwizaphula-mthetho,’ kuba oko kubhaliweyo ngam akunakungenzeki.”

38. Ke bona bathi: “Nkosi, nanga amakrele amabini.”Waza wathi kubo: “Kwanele.”

39. UYesu waphuma waza ngokwesiqhelo sakhe waya eNtabeni yemiNquma. Bamlandela ke abafundi bakhe.

40. Akufika apho, uYesu wathi kubo: “Thandazani ukuze ningangeni ekulingweni.”

41. Wasuka kubo, wathi qelele, waguqa ngamadolo, wathandaza

42. esithi: “Bawo, ukuba uyavuma, yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe okwenzekayo.” [

43. Ke kwabonakala isithunywa kuye, sivela ezulwini, simomeleza.

Uluka 22