Uluka 22:29-45 Ibhayibhile (XHO96)

29. Kwanjengokuba uBawo endinike igunya lokulawula, nam ndininika elo gunya,

30. ukuze nitye, nisele, etafileni yam kwikomkhulu lam, nihlale ezikhundleni zokulawula, nigweba izindlu ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.”

31. UYesu wathi: “Uyabona, wena Simon, uSathana ebenibanga efuna ukunihlungula okwengqolowa,

32. kodwa mna ndikuthandazele ukuba ukholo lwakho lungapheli. Nawe ke, xa uthe waguquka, uze uwomeleze amakholwa.”

33. UPetros ke wathi kuye: “Nkosi, ndixolèlè nokuya kunye nawe entolongweni nokuba kusekufeni.”

34. UYesu wathi: “Inene, Petros, kothi namhlanje ingekakhali inkuku, ube wena sewukhanyele kathathu ukuba uyandazi.”

35. Ke uYesu wathi kubo: “Ngôkúyâ ndandinithume ningenasipaji, nangxowa yamphako, nazihlangu, nakha naswela nto na?”Bathi ke bona: “Nento le.”

36. Waza wathi kubo: “Ke ngoku lowo unesipaji makasithathe, enjenjalo nonengxowa yomphako, aze nalowo ungenakrele athengise ingubo yakhe alithenge.

37. Inene, kuya kwenzeka kum oko kubhaliweyo *eziBhalweni kwathiwa: ‘Wabalelwa kwizaphula-mthetho,’ kuba oko kubhaliweyo ngam akunakungenzeki.”

38. Ke bona bathi: “Nkosi, nanga amakrele amabini.”Waza wathi kubo: “Kwanele.”

39. UYesu waphuma waza ngokwesiqhelo sakhe waya eNtabeni yemiNquma. Bamlandela ke abafundi bakhe.

40. Akufika apho, uYesu wathi kubo: “Thandazani ukuze ningangeni ekulingweni.”

41. Wasuka kubo, wathi qelele, waguqa ngamadolo, wathandaza

42. esithi: “Bawo, ukuba uyavuma, yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe okwenzekayo.” [

43. Ke kwabonakala isithunywa kuye, sivela ezulwini, simomeleza.

44. Edandathekile kakhulu uYesu, kwaba kukhona athandaza ngenyameko, kwada ukubila kwakhe kwangathi ngamathontsi egazi esiwa emhlabeni.]

45. UYesu ke waphakama ekuthandazeni, waya kubafundi bakhe, wafika belele, bedakumbile;

Uluka 22