Uluka 22:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku lalisondele itheko lezonka ezingenagwele, ekuthiwa *yiPasika.

2. Ke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho babefuna indlela efihlakeleyo yokumbulala uYesu, kuba babesoyika abantu.

3. Wangena ke uSathana kuJudas ekuthiwa nguSikariyoti, owayengomnye wabafundi abalishumi elinambini.

4. Wesuka waya kubhunga nababingeleli abaziintloko nabagcini *bendlu kaThixo, wacebisana nabo ngeyona nto anokuyenza ukuze babe nokumbamba uYesu.

5. Bavuya ke bona, bagqiba kwelokuba bamnike imali,

Uluka 22