1. Ke kaloku lalisondele itheko lezonka ezingenagwele, ekuthiwa *yiPasika.
2. Ke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho babefuna indlela efihlakeleyo yokumbulala uYesu, kuba babesoyika abantu.
3. Wangena ke uSathana kuJudas ekuthiwa nguSikariyoti, owayengomnye wabafundi abalishumi elinambini.
4. Wesuka waya kubhunga nababingeleli abaziintloko nabagcini *bendlu kaThixo, wacebisana nabo ngeyona nto anokuyenza ukuze babe nokumbamba uYesu.
5. Bavuya ke bona, bagqiba kwelokuba bamnike imali,