5. Ke kaloku, xa abathile babethetha *ngendlu kaThixo, bencoma ukuhonjiswa kwayo ngamatye amahle nangezinto ezinexabiso, uYesu wathi:
6. “Niyazibona zonke ezi zinto? Kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye lingàdilizwa.”
7. Bambuza ke uYesu besithi: “Mfundisi, ziya kubakho nini na ezi zinto? Uya kuba yintoni na umqondiso wokuzalisekiswa kwazo?”
8. Wathi ke yena: “Lumkani ningalahlekiswa, kuba baninzi abaya kuza egameni lam; besithi banguye uKrestu, besithi ixesha lisondele. Ke nina ze ningabalandeli.
9. Xa nithe neva ngeemfazwe neziphithi-phithi, ze ningoyiki, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho kuqala. Sona ke isiphelo asiyi kubakho kwangoko.”
10. Waqhuba wathi kubo: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani.