29. Wabenzela umzekeliso uYesu, esithi: “Khangelani umkhiwane nayo yonke imithi.
30. Xa seyivelisa amagqabi, nithi nakukubona oko, nazi ukuba ihlobo lithwasile.
31. Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.
32. “Ndithi kuni, inene, asiyi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.
33. Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”