Uluka 21:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. Zimiseleni ukungayicingi kwangaphambili indlela eniya kuziphendulela ngayo,

15. kuba mna ndiya kuninika amazwi obulumko abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo bonke abachasene nani.

16. Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabantakwenu, nazizizalwane, nazizihlobo, kubekho nababulawayo kuni.

17. Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.

18. Ke akuyi kutshabalala nonwele olu lwentloko yenu.

19. Nothi ke ngokunyamezela kwenu nibuzuze ubomi benu.”

20. “Xa nithe nayibona iJerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini ukuba kusondele ukutshabalala kwayo.

21. Ngelo xesha mabathi abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni, bathi abo bangaphakathi kwayo iJerusalem baphume bemke. Ke abo basemaphandleni mabangangeni eJerusalem.

22. Yoba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhalwe *eziBhalweni.

23. Hayi ke abanzima nabanyisayo ngaloo mihla! Kuya kubakho imbandezelo enkulu elizweni, ingqumbo kaThixo ibe phezu kwaba bantu.

24. Baya kubulawa ngekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga. IJerusalem iya kutshatyalaliswa ziintlanga de liphele ixesha lazo.”

25. “Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; emhlabeni kubekho iintlanga ezicinezelekileyo, zididekile kukugquma kolwandle namaza.

26. Abantu boba besifa luloyiko, bexhalabele izinto ezilifikelayo ihlabathi, kuba konke okunamandla esibhakabhakeni kodunga-dungeka.

27. Baya kumbona ke *uNyana woLuntu esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu.

Uluka 21