36. Bona abasenakufa, kuba bafana nezithunywa zezulu. Bona bangoonyana bakaThixo, kuba kaloku bavukile kwabafileyo.
37. Ke yona into yokuba abafileyo bayavuka, noMosis uyayikhankanya kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo encwadini yakhe, apho abiza iNkosi ngokuthi inguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.
38. AkaThixo wabafileyo ke; unguThixo wabaphilayo, kuba kuye bonke bayaphila.”
39. Baphendula ke abathile bakubachazi-mthetho, bathi: “Ngxatsho ke, Mfundisi; uthethe kakuhle!”
40. Babengasenabuganga ke bakumbuza nento le.
41. Ke uYesu wathi kubo: “Batsho ngani ke ukuthi: ‘*UKrestu ngunyana kaDavide’?
42. Kanti noDavide ngokwakhe kwiNcwadi yeeNdumiso uthi:“ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam:Hlala ngakum kweli wonga,
43. lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’
44. “Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini ke ukuba ngunyana wakhe?”
45. Ke kaloku, besiva bonke abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe:
46. “Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni.
47. Abo bayiphangayo imizi yabahlolokazi, baze bazenzise batsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”