Uluka 20:20-33 Ibhayibhile (XHO96)

20. Bamcupha ke, bathumela iintlola ezizenza amalungisa, ukuze bambambise ngamazwi, ze ke bamnikele kwirhuluneli, yona iphetheyo inawo onke amagunya.

21. Iintlola ezi zambuza uYesu zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba wena uthetha ufundise okuyinyaniso, kuba akunamkhethe, koko uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo.

22. Ngaba ke kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare?”

23. Eliqondile iyelenqe lazo, wathi kuzo:

24. “Ndiboniseni imali. Ke, ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”Zaphendula zathi: “NgokaKhesare.”

25. Wathi yena kuzo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”

26. Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zaza zathi cwaka, zimangalisiwe yimpendulo yakhe.

27. Kweza abathile *bakubaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza ke

28. besithi: “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi.’

29. Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingekabi nabantwana.

30. Wathi ke owesibini wamngena, naye wasweleka engekabi nabantwana.

31. Wenjenjalo nowesithathu. Bada baba naye bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana.

32. Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.

33. Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”

Uluka 20