20. Bamcupha ke, bathumela iintlola ezizenza amalungisa, ukuze bambambise ngamazwi, ze ke bamnikele kwirhuluneli, yona iphetheyo inawo onke amagunya.
21. Iintlola ezi zambuza uYesu zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba wena uthetha ufundise okuyinyaniso, kuba akunamkhethe, koko uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo.
22. Ngaba ke kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare?”
23. Eliqondile iyelenqe lazo, wathi kuzo:
24. “Ndiboniseni imali. Ke, ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”Zaphendula zathi: “NgokaKhesare.”
25. Wathi yena kuzo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”
26. Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zaza zathi cwaka, zimangalisiwe yimpendulo yakhe.
27. Kweza abathile *bakubaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza ke
28. besithi: “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi.’