Uluka 20:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Bona bathetha naye besithi: “Khawutsho: ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ingubani kakade okunike elo gunya?”

3. Waphendula ke wathi kubo: “Nam ndiza kunibuza umbuzo ube mnye; ze nindiphendule ke.

4. Ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?”

5. Baxoxa bodwa besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningakholwa?’

6. Ukuba sithe: ‘Lwavela ebantwini,’ bonke abantu bosixuluba ngamatye, kuba babemvuma uYohane ukuba *ungumshumayeli.”

7. Baphendula ke ngokuthi àbazi ukuba lwaluvela phi na.

Uluka 20