Uluka 20:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngenye imini, uYesu efundisa abantu *endlwini kaThixo, eshumayela iindaba ezimnandi, kwafika kuye ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, namadoda amakhulu.

2. Bona bathetha naye besithi: “Khawutsho: ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ingubani kakade okunike elo gunya?”

3. Waphendula ke wathi kubo: “Nam ndiza kunibuza umbuzo ube mnye; ze nindiphendule ke.

4. Ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?”

Uluka 20