44. Ziya kukudiliza, zibatshabalalise abakuwe, zingashiyi nalinye ilitye phezu kwelitye, ngenxa yokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho nguThixo.”
45. UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abo babethengisa khona,
46. esithi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.”
47. Imihla ngemihla wayefundisa endlwini kaThixo apho. Ke ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, kwaneenkokheli zabantu, babefuna ukumbulala;
48. kodwa ababanga nakufumana nto banokuyenza, kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.