Uluka 19:44-48 Ibhayibhile (XHO96)

44. Ziya kukudiliza, zibatshabalalise abakuwe, zingashiyi nalinye ilitye phezu kwelitye, ngenxa yokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho nguThixo.”

45. UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abo babethengisa khona,

46. esithi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.”

47. Imihla ngemihla wayefundisa endlwini kaThixo apho. Ke ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, kwaneenkokheli zabantu, babefuna ukumbulala;

48. kodwa ababanga nakufumana nto banokuyenza, kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula.

Uluka 19