Uluka 19:40-47 Ibhayibhile (XHO96)

40. Waphendula wathi kubo: “Inene, kungáthi nje kukhe kwathi cwaka aba, kunkqangaze namatye la.”

41. Akusondela uYesu, esibona isixeko, wasililela

42. esithi: “Akwaba nawe, Jerusalem, ubuzazi namhlanje izinto ezikuzisela uxolo! Kodwa ngoku zifihlakele kuwe!

43. Kuya kufika imihla eziya kuthi iintshaba zakho zakhe udonga lokuzikhusela ekukuhlaseleni kwazo, zikungqinge, zikuxine macala onke.

44. Ziya kukudiliza, zibatshabalalise abakuwe, zingashiyi nalinye ilitye phezu kwelitye, ngenxa yokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho nguThixo.”

45. UYesu wangena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abo babethengisa khona,

46. esithi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.”

47. Imihla ngemihla wayefundisa endlwini kaThixo apho. Ke ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, kwaneenkokheli zabantu, babefuna ukumbulala;

Uluka 19