Uluka 19:27-34 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ke zona ezo ntshaba zam zingafunanga ukuba ndibe ngukumkani wazo, ziziseni apha, nizibulale apha phambi kwam.’ ”

28. Akuba ezithethile ezi zinto, uYesu wabandulela, wenyuka esiya eJerusalem.

29. Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, engasentabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wathuma ababini kubafundi bakhe,

30. esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nathi. Nothi ningena nje kuyo, nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni, niyizise apha.

31. Ukuba ubani uthe kuni: ‘Niyikhululela ntoni loo donki?’ ze nithi: ‘Iyafunwa yiNkosi.’ ”

32. Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafika kunjengoko wayetshilo uYesu.

33. Bakuyikhulula inkonyana, abaniniyo bathi kubo: “Niyikhululela ntoni loo nkonyana?”

34. Bathi ke bona: “Iyafunwa yiNkosi.”

Uluka 19