35. Kwathi, ekusondeleni kukaYesu eJeriko, kwabakho mfama ithile, ihleli ngasendleleni ingqiba.
36. Yakuva kudlula isihlwele, yabuza ukuba ngaba yintoni na le.
37. Bayixelela bathi: “Kudlula uYesu waseNazarete.”
38. Yaza yabhomboloza isithi: “Yesu, Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”
39. Abo babehamba ngaphambili bayikhalimela ukuba ithi tu, kodwa kwaba kukhona yona ikhwazayo ngakumbi, isithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!”
40. Wema uYesu, wathi imfama leyo mayiziswe kuye. Yakusondela ke wayibuza esithi:
41. “Ufuna ukuba ndikwenzele ntoni na?”Yathi imfama kuye: “Nkosi yam, ndicela ukuba ndibuye ndibone.”
42. Wathi kuyo uYesu: “Kulungile ke, bona! Ukholo lwakho lukuphilisile.”
43. Yabuya yabona kwangoko, yamlandela uYesu, ibulela uThixo. Bonke abantu, bakukubona oko, bamdumisa uThixo.