Uluka 18:3-13 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ke kuloo dolophu kwakukho mhlolokazi uthile ubemana esiza kuye athi: ‘Ndikhulule kummangaleli wam.’

4. Kwaba mzuzu engavumi, kodwa kamva waqiqa esithi: ‘Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingahloneli namntu,

5. noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endikhathaza, ndomgwebela ndimkhulule, hleze ndide ndikruquke nguye.’ ”

6. Yaqhuba ke iNkosi yathi: “Kuveni okuthethwa ngulo mgwebi ungenabulungisa.

7. Ngaba yena uThixo akayi kubaphindezelela na abanyulwa bakhe abakhala kuye imini nobusuku? Akayi kukhawuleza na ukubanceda?

8. Ngenene, uya kubaphindezelela kamsinya. Kodwa ke, akufika yena *uNyana woLuntu, ngaba wolufumana na ukholo ehlabathini apha?”

9. Ke kaloku uYesu uthethe lo mzekeliso kwabathile, ababekholose ngokuzicingela ukuba bangamalungisa, bebadelile abanye:

10. “Amadoda amabini enyuka aya *endlwini kaThixo, esiya kuthandaza. Enye *yayingumFarasi, enye ingumqokeleli-rhafu.

11. “Ke yena umFarasi wayemi ethandaza esithi: ‘Thixo, ndiyabulela kuba ndingènjengabanye abantu, abaphangi, izikhohlakali, abakrexezi, ndingènjengaye nalo mqokeleli-rhafu.

12. Ndizila ukutya kabini ngeveki. Ndinikela ngesishumi sako konke endikuzuzayo.’

13. “Ke yena umqokeleli-rhafu wayemi qelele, engathandi nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe. Wayemana eziphothula izandla, esithi: ‘Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.’

Uluka 18