Uluka 18:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYesu wabenzela umzekeliso ukubakhuthaza ukuba bahlale bethandaza bengatyhafi,

2. wathi: “Kwidolophu ethile kwakukho umgwebi owayengamoyiki uThixo, engahloneli mntu.

3. Ke kuloo dolophu kwakukho mhlolokazi uthile ubemana esiza kuye athi: ‘Ndikhulule kummangaleli wam.’

4. Kwaba mzuzu engavumi, kodwa kamva waqiqa esithi: ‘Nakuba ndingamoyiki uThixo, ndingahloneli namntu,

5. noko, ngenxa yokuba lo mhlolokazi endikhathaza, ndomgwebela ndimkhulule, hleze ndide ndikruquke nguye.’ ”

6. Yaqhuba ke iNkosi yathi: “Kuveni okuthethwa ngulo mgwebi ungenabulungisa.

7. Ngaba yena uThixo akayi kubaphindezelela na abanyulwa bakhe abakhala kuye imini nobusuku? Akayi kukhawuleza na ukubanceda?

Uluka 18