28. Kwaba kwanjalo nangemihla kaLothe. Babesidla, besela, bethenga, bethengisa, betyala, besakha;
29. kodwa ngemini awaphuma ngayo uLothe eSodom, kwawa umlilo nesalfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke.
30. Kuya kuba njalo kanye ngemini yokubonakala kwakhe uNyana woLuntu.
31. “Ngaloo mhla makangathi ophezu kwendlu ehle aye kuzithatha iimpahla zakhe ezisendlwini. Kwangokunjalo nosemasimini makangabuyeli kokushiyekileyo.
32. Khumbulani ngomka-Lothe!
33. Umntu ofuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe wabulahla, uya kubulondoloza.
34. Inene ngobo busuku kothi abantu bebabini belele ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe.
35. Abafazi ababini bothi besila ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe. [
36. Amadoda amabini othi esentsimini, enye ithathwe, enye ishiywe.]”
37. Ke abafundi baphendula bathi kuYesu: “Phi na, Nkosi?”Yaza ke yathi kubo: “Apho sikhoyo isidumbu kulapho aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.”