19. Wathi kwindoda leyo: “Phakama, uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
20. Ke kaloku uYesu akubuzwa *ngabaFarasi ukuba ukulawula kukaThixo kuya kuqala nini na, uphendule wathi: “Ulawulo lukaThixo alubonakali ukuthwasa kwalo.
21. Kananjalo akuyi kuthiwa: ‘Nalu apha! Naluya phaya!’ Kuba kaloku ulawulo lukaThixo seluthwasile.”
22. Ke wathi kubo abafundi: “Kuya kufika imihla eniya kunqwenela ngayo ukubona nokuba mnye umhla wakhe *uNyana woLuntu ningawuboni.
23. Baya kuthi kuni: ‘Nankuya phaya! Nanku apha!’ Ze ningayi ke, ningabalandeli nokubalandela;
24. kuba kwanjengokuba umbane usithi menye ucanda isibhakabhaka, woba njalo ngomhla wakhe uNyana woLuntu.
25. Kodwa kuqala uNyana woLuntu umelwe kukuva ubunzima obukhulu, alahlwe sesi sizukulwana.
26. Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, koba kwanjalo ngemihla yakhe uNyana woLuntu.
27. Babesidla, besela, bezeka, besendisa, kwada kwangumhla wokungena kukaNowa enqanaweni; wafika unogumbe, wabatshabalalisa bonke.
28. Kwaba kwanjalo nangemihla kaLothe. Babesidla, besela, bethenga, bethengisa, betyala, besakha;
29. kodwa ngemini awaphuma ngayo uLothe eSodom, kwawa umlilo nesalfure ezulwini, batshatyalaliswa bonke.
30. Kuya kuba njalo kanye ngemini yokubonakala kwakhe uNyana woLuntu.
31. “Ngaloo mhla makangathi ophezu kwendlu ehle aye kuzithatha iimpahla zakhe ezisendlwini. Kwangokunjalo nosemasimini makangabuyeli kokushiyekileyo.
32. Khumbulani ngomka-Lothe!
33. Umntu ofuna ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe wabulahla, uya kubulondoloza.
34. Inene ngobo busuku kothi abantu bebabini belele ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe.
35. Abafazi ababini bothi besila ndawonye, omnye athathwe, omnye ashiywe. [
36. Amadoda amabini othi esentsimini, enye ithathwe, enye ishiywe.]”