27. Sathi ke isityebi: ‘Ndiyakubongoza ke ngoko, bawo, ukuba umthume emzini kabawo,
28. kuba ndinabantakwethu abahlanu. Makabaqononondise ukuze bangàthi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.’
29. “Kodwa uAbraham wathi kuso: ‘*Banomthetho kaMosis neencwadi *zabashumayeli bamandulo; mabeve zona.’
30. Sathi ke sona: ‘Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka.’
31. Wathi kuso: ‘Ukuba bathe ababeva ooMosis nabashumayeli, abayi koyiseka nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.’ ”