Uluka 16:24-27 Ibhayibhile (XHO96)

24. Samemeza ke, sathi: ‘Bawo, Abraham, ndénzele inceba, uthume uLazaro ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam, kuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye!’

25. “Kodwa uAbraham wathi: ‘Nyana, khumbula ukuba wena ebomini bakho wawufumana izinto ezimnandi, uLazaro yena efumana ezimbi; ngoku yena uyathuthuzelwa apha, kanti wena uyathuthunjelwa.

26. Kodwa ke, ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze abathanda ukuwela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako, nokuthi abalapho kuni bangabi nakuwelela kuthi.’

27. Sathi ke isityebi: ‘Ndiyakubongoza ke ngoko, bawo, ukuba umthume emzini kabawo,

Uluka 16