Uluka 13:30-33 Ibhayibhile (XHO96)

30. Niyabona ke, bakho abokugqibela abaya kuba ngabokuqala, bekho nabokuqala abaya kuba ngabokugqibela.”

31. Kwangelo xesha kwafika abaFarasi abathile, bathi kuYesu: “Phuma umke apha, kuba uHerode ufuna ukukubulala.”

32. Wathi kubo: “Yiyani nithi kuloo mpungutye: ‘Uyabona, ndikhupha iindimoni, ndiphilise, namhlanje nangomso, ndithi ngowesithathu umhla ndigqibe.’

33. Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhlanje nangomso nangomsomnye, kuba umshumayeli akangekhe abulawe kwenye indawo ngaphandle kwaseJerusalem.

Uluka 13