5. Nanku emanimoyike: yoyikani uThixo, yena lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, moyikeni yena.
6. “Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo.
7. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.”
8. “Ke ndithi kuni, wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, wothi kwanaye *uNyana woLuntu amvume phambi kwezithunywa zikaThixo.
9. Ke ondikhanyelayo ebantwini wokhanyelwa naye kwizithunywa zikaThixo.
10. “Nabani na ke othe wathetha ilizwi elichasene naye uNyana woLuntu, woxolelwa; kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akayi kuxolelwa.
11. “Xa banimangalelayo *ezindlwini zesikhungo, nakwabaphetheyo, nakwabanamagunya, ze ningazixhaleli nisithi noziphendulela njani na, okanye nothini na;
12. kuba uMoya oyiNgcwele uya kuthi ngelo xesha anifundise oko manikuthethe.”