Uluka 10:26-37 Ibhayibhile (XHO96)

26. UYesu wathi kuye: “Khawutsho, kubhalwe ntoni *emthethweni?”

27. Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”

28. UYesu ke wathi kuye: “Uchane ecwethe! Yenjenjalo kanye; wobudla ubomi.”

29. Ke yena umchazi-mthetho, efuna ukuzenza ilungisa, wathi kuYesu: “Ngubani ummelwane wam?”

30. UYesu wamphendula wathi: “Umntu othile wayesihla evela eJerusalem, esiya eJeriko, waza wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba izambatho zakhe, zamngxwelerha, zemka zimshiya esecicini lokufa.

31. Ke kaloku kwakukho mbingeleli uthile owayesihla kwangaloo ndlela, owathi akumbona wacezela phaya.

32. Kwangokunjalo ke *nomLevi, akufika kuloo ndawo, uthe akumbona wacezela phaya.

33. Ke umSamariya othile owayeseluhambeni wafika kuye, wathi akumbona wavelana naye,

34. wasondela, wawabopha amanxeba akhe, ewagalela ioyile newayini. Wamkhwelisa kwidonki yakhe, wamsa kwindlu yabahambi, wamonga.

35. Ukumka kwakhe ngengomso, urhole imali, wanika umnini-ndlu, wathi kuye: ‘Uze umonge; nento othe wadleka yona ngaphezu koku ndoyihlawula ekubuyeni kwam.’ ”Waqhuba uYesu wathi:

36. “Khawutsho ke, nguwuphi kwabo bathathu owaba ngummelwane walowo wagaxeleka ezihangeni?”

37. Umchazi-mthetho wathi: “Ngulowo waba novelwano.”Waza uYesu wathi kuye: “Hamba uye kwenjenjalo ke nawe.”

Uluka 10