22. “Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kananjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, ngaphandle koYise, kungekho waziyo ukuba ungubani na uYise, ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhilela.”
23. Ke uYesu waguqukela kubafundi bakhe, wathetha nabo ngasese, wathi: “Hayi uyolo lwâbo babona enikubonayo nina!
24. Inene, baninzi *abashumayeli nookumkani ababenqwenela ukuzibona izinto enizibonayo nina, baza àbazibona; benqwenela nokuva izinto enizivayo, baza àbaziva.”
25. Ke kaloku kwafika umchazi-mthetho, walinga uYesu esithi: “Mfundisi, kufuneka ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?”
26. UYesu wathi kuye: “Khawutsho, kubhalwe ntoni *emthethweni?”
27. Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”
28. UYesu ke wathi kuye: “Uchane ecwethe! Yenjenjalo kanye; wobudla ubomi.”
29. Ke yena umchazi-mthetho, efuna ukuzenza ilungisa, wathi kuYesu: “Ngubani ummelwane wam?”
30. UYesu wamphendula wathi: “Umntu othile wayesihla evela eJerusalem, esiya eJeriko, waza wagaxeleka ezihangeni, ezamhluba izambatho zakhe, zamngxwelerha, zemka zimshiya esecicini lokufa.
31. Ke kaloku kwakukho mbingeleli uthile owayesihla kwangaloo ndlela, owathi akumbona wacezela phaya.