11. ‘Nothuli olu lwedolophu yenu olusezinyaweni zethu, siluvuthululela kuni. Kodwa ke kwazini oku: Ulawulo lukaThixo luthwasile!Okanye: “Ubukumkani bukaThixo busondele”’
12. Ngoko ke ndithi kuni, ngomhla womgwebo soba nganeno isohlwayo seSodom kunesaloo dolophu.”
13. “Mawoo, wena Korazin! Mawoo, nawe Bhetesayida! Ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, abalapho ngebaguqukayo kwakudala, bahlala phantsi bambethe ezirhwexayo, bezigalele uthuthu.
14. Ewe, ngomhla wokugwetywa soba nganeno isohlwayo seTire neseSidon kunesenu.
15. Wena Kapernahum, unga ungaphakanyiselwa ezulwini na? Hayi, uya kuphoswa phantsi kwelabafileyo.”
16. Wathi ke kubafundi bakhe: “Lowo univayo, uva mna; nalowo unganamkeliyo, akamkeli mna. Ke ongandamkeliyo mna, akamkeli lowo undithumileyo.”
17. Babuya ke abafundi abangamashumi asixhenxe anambini, bevuya, besithi: “Nkosi, neendimoni ezi sizoyisile ngegama lakho.”
18. Wathi ke kubo: “Ndibone uSathana esiwa ezulwini okombane.
19. Niyabona, ndininike igunya lokunyathela phezu kweenyoka noonomadudwane, naphezu kwawo onke amandla alowo ulutshaba. Ke ayikho konke into enokunenzakalisa.
20. Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.”
21. Ngelo xesha uYesu wagcoba ngoMoya oyiNgcwele, wathi: “Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuzifihla kwakho ezi zinto kwizilumko neengqondi, wazityhilela iintsana. Ewe, Bawo, wênjenje kuba kukholekile kuwe.
22. “Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kananjalo akukho waziyo ukuba ungubani na uNyana, ngaphandle koYise, kungekho waziyo ukuba ungubani na uYise, ngaphandle koNyana, nalowo uNyana athanda ukumtyhilela.”
23. Ke uYesu waguqukela kubafundi bakhe, wathetha nabo ngasese, wathi: “Hayi uyolo lwâbo babona enikubonayo nina!